265: Bongani, bongani iNkosi yezulu

Share with friends

1. Bongani, bongani iNkosi yezulu,
Kunamhla sibon’ ukukhanya kweCawa.
Yimini kaThixo, yimini enkulu,
Yimini yeemini, licham’ ebantwini.

2. UThixo wadala izulu nomhlaba,
Wabuya waphumla ngemini yeCawa.
Ithamsanqa laKhe labekwa ke kuyo,
Kungoko loo mini kusithwa ingcwele.

3. Ukristu kanjalo, ngeyaKhe imini,
Wavuk’ ekufeni, wabonwa ehleli.
Kungoko kumiswe le mini yenKosi,
Ndaweni yaleya yamiswa kuqala.

4. Ngemini engcwele kundawo ngeendawo
Abantu beNkosi bahlanganisene,
Ngo Moya kaThixo, uMoya kabawo,
Besenza inkonzo, bevuya kunene.

Amen.

Sample of the song below:

Facebook Comments

Share with friends