1. Bulelani kuYehova,
Kuba elungile;
Kuba ububele baKhe,
Advertisement
Bubobaphakade.
---
2. Makatsho amaSirayeli,
Iindlu zawo zonke,
Athi ububele baKhe
Bubobaphakade
---
3. Ndamemeza kuYehova,
Ndandisengxingweni
Wandinceda wandibeka
Endawen' ebanzi
---
4. Ingecala lam iNkosi,
Andisokoyika
Ingasuka ithi ni na
Lento umntu kumi?
---
5. Ingecala lam iNkosi,
Iyakundinceda
Indincede ngokumnandi
Kwabandithiyayo
---
6. Ukuthemba uYehova,
Nokuphepha ngaYe
Kuko okulungileyo
Kungathenjwa bantu
---
7. Ma ndisinde ngaWe Nkosi,
Undisikelele;
Mandiphumle ngaWe Nkosi:
Undithamsanqele. AMEN!